ngooktobha ka-1 996. Ukudendwa kukaKabi kuloo mlo
kuba etyholwa ngokuba ubethe uLawrence sele ewile kwenza wafumana ibhanti yeOld Buck yokuba yintshatsheli neyagqibela iyeyakhe unomphelo emva kokuba eyikhusele izihiandlo ezithandathu.
Emva koko uSuper Bad ube yintshatsheli yeWorld Boxing Association Junior Welterweight lntercontinental emva kokubetha uFrank Benoni waservlelika eLondon ngojuni wanyakenye.
Ngoku uNgobeni ujongene nocelomngeni olunzima njengoko eza kuciubisana nentshatsheli yeLightweight kwiWBC, uStevie Johnston waseMelika. Nangona kunjalo uSuper Bad unethemba lokuba amava akhe okulwa kudidi lwewelterweight aza kumenza aphumelele.
Kudala gqitha ndiwulindele lo mlo. Nangona uJohnston ebethwe kanye kwimilo yakhe engama-40, ndiqinisekile emva komfo ndiza kuba ndiyintshatsheli, utshilo uNgobeni ngomzimba ongenaxhala.
Xa besishicilela eli nqaku abaphathi bezi mbethi-manqindi bebengekasenzi isigqibo ngomhla nendawo oza kubanjelwa kuyo lo mlo - Ekuphela kwento endiyaziyo kukuba uza kuba ngaphambi kukajuni walo nyaka yaye ndiyacinga ukuba uza kubaseMelika:
utshilo okaNgobeni ebonakala ukuba uwuleqiie lo mlo.
U
 Lawrence ongumkhandi kwicandelo leTransalloys leHighveld Steel and Vanadium eWitbank ulungisa iikhreyini ezihambisa iintsimbi yaye kungoku nje uyintandane kule ngingqi. Umphathi wakhe emsebenzini, uAlex Masango, umncoma gqitha ngokuba ungumzekelo omhle onika inkuthazo abanye abasebenzi bafe nkampani.
Sonke sineqhayiya ngoLawrence. Qho xa esilwa inkampani inikela ngezithuthi ezisa abasebenzi apho alwa khona ukuze baye kumnika inkxaso. Ukuba ngumntu osoloko etyhilekile kwakhe kwenza kube lula ukusebenzisana naye. Ukuzimisela kwakhe ekumameieni into ayixelelwayo nokuba kusemsebenzini na okanye kuseqongeni lamanqindi, kuyabakhuthaza abasebenzi aphangela nabo.
Uninzi lweembethi-manqindi eziselula nezisafuna ukufunda ngalo mdlalo zicela amacebiso kuye - yaye uyazinika ithuba lokuzibonisa indlela eya empumelelweni. UMartin Mahlangu oziqeqesha noNgobeni eAfrican Boys Gym eLynnville uyintshatsheli entsha yaseGauteng yeMini-flyweight ukanti uAbram Lubisi waseMiddleburg uyintshatsheli yeBantamweight.
UNgobeni owaqala ukubetha amanqindi eneminyaka eli-12 waphantse waxhoma ngo-1 995 emva kokuba uHope Sole wagqibela sefe ehamba ngesitulo esinamavili emva kokuba ewile kumlo wabo.
Loo nto yandothusa
kangangokuba ndagqiba ekubeni ndixhome emanqindini: utsho
uNgobeni. Ngethamsanqa umqeqeshi nomphathi wakhe, uPaul Tshehla, wamcenga ukuba aqhubeke nokuba yimbethi-manqindi. Ndaqonda ukuba kwaba yingozi nokuthi yinto enokwenzeka nanini na kwimbethi-manqindi - ngoku ndigqibe ekubeni xa ndizuza intshinga yehlabathi ndiyinikele kuHope.
ezinye iinkcukacha zikaNgobeni
umhla wokuzalwa: 22 Mutshi 1 92 indawo azalelwa kuyo: elynnville, eWitbonk inkwenkwezi yokhe: Aries
abazali bakhe: ngusarah noioe Ngobeni abantwana bakowabo: 4 amakhwenkwe, 2 amontombazana
imeko yomtshato: ukokaihathi
imoto yakhe: yiNissun Senfra 16OS iziiito azithandayo iimbethi-manqindi: Marvin Hagler noBaby Jake Matlola
ukutya: inyonia yenkuku nesaladi yemifuno
isiselo: i-oranje juice umculo: reggae iinivumi: Bob Marley noPeter T05h emiiiye imidlalo: chess nesnooker inkqubo yeTV: Blow By Blow nepunchline umdlali weefilim: Bruce WiIlis impahla: iji, itteksuii namuteki


1. LlNgobeni uyalifumana ixesha lokuqeqesha iimbethi-manqindi eziseiufa. Apha ufotwe efundisa indlefa yokuphosa amanqindi elandelana uMartin Mahlangu oyintshatshefi entsha yaseGauteng yeMini-flyweight.

2. lqhayiya faseMpumalanga -uLawrence Ngobeni ekunye riosapho lwakowabo: unina uSarah, abantakwabo uJabu Phineas, nabatshana bakhe uSifiso, uSandile noLilian.

3. UNgobeni ongumktiandi kwinkampani asebenza kuyo uthi ukuhfa enyuka ngezitepsi zekhreyini azilungisayo nako uyamnceda ahlale omelele!



I
 iCanaries zithathe iminyaka emininzi ukwenza
isivumelwano neenkampani
zokushicilela, xa kwathiwa Culani ikwaito siza kunishicilela balithabatha ngazo zozibini elo thuba.
Besingathandi ukucula ikwaito, litsho elinye ilungu uSibusiso Mngomezulu: kodwa kubemnandi ukuculela uluntu oluninzi .
liCanaries bezicula kakhulu umculo wegospeli kule minyaka mihlanu idlulileyo, becula ngaphakathi ecaweni bezenzela abalandeli abaninzi.
lcwecwe labo lokuqala, elithi Kune Mbizo, yikwaito - akukho mathandabuzo - kodwa lineentlobo ezahlukileyo zomculo, ukusukela kumculo wegospeli ukuya kopholileyo wothando.
Eyona ngoma ithandekayo yethi Me/ody From A Distance, ingoma apho u-Ihash Elimhlophe abetha ikatala ethetha namazwi athile esiZulu, neCanaries zicula umculo omnandi ofana noweBoyz 1 1 Men.
UCanary David Maseko uthi eyona nto Jibalasele ngayo eli qela lulwazi oluphangaleleyo nokuthanda umculo wesintu.
Sithi ulutsha kufuneka Juwuhloniphe umculo wesintu.
Ayimangalisi into yokuba ibengumakhwekhwetha uBheki lhash Elimhlophe Ngcobo nenkosikazi yakhe, uEbony, owenze ukuba amakhwenkwe abesendleleni esingise empumelelweni. UNgcobo ukwangumvelisi wale albham.
UThemba Masemola uthi eyona nto, kukuba abantu abakhe bawuva umculo wabo omnandi babalindele ukuba baziphathe okweemvumi esele zime kakuhle.
Imilonj yciseMpumci
Randi iycintinga
kubalisa uBONGANI HLATSHWAYO

llCanaries zaseTsakane zisenokunikeza abaphulaphuli umculo wekwaito abawufunayo, kodwa owona mculo bawuthandayo
ngowesintu nowegospeli abakhula bewucula
Abantu balindele ukuba siqhube iminyobo yeemoto sinxibe neempahla ezingayiwayo. Kusekusasa kakhulu ukuba singenza njalo- sikhuphe icwecwe lethu lokuqala ngo-Oktobha nyakenye.
Ngaphandle koko, ayisithi, wongeza ngelitshoyo uSibusiso Mnyakeni. Asikatshintshi sifuna ithuba lokukhula. 
78 BONA XHOSA - April 2000


11OKUBA uyayithanda na okanye l 1uyayicaphukeJa ihouse music, yazi ukuba nguDj Fresh owaziwa nangokuba nguThato Owen Sikwane owayenza yaduma kweli IoMzantsi Afrika. Lingekakhutshwa icwecwe lakhe elithi Fresh I-Iouse Flava VoI 1 kunyaka ophelileyo, ihouse music ubuyiva kwiinight club kuba yafika
kweli ivela kwamanye amazwe ingamacwecwe ali-12. Kodwa lo msasazi weY-fm nokwangumsasazi wenkqubo kamabonwakude ethi Studio Mix wawuzisa ebantwini lo mculo.
Ndandisoloko ndifumana iminxeba evela ebantwini ababefuna ukuqonda ukuba bangawufumana njani umculo
ezomculo
UPauI Rude Boy Mnisi, ongomnye umsasazi weY-FM eqhulana noDJ Fresh estudiyo.


Umsasazi od!amkileyo nobizwa ngokuba nguFresh nguye owenza ulutsha lweli lwazi ngomculo ekuthiwa yihouse music

kubhale uUSA HLABANE


endiwudlalayo, ndabona ukuba ndifanele ndibancede. Ndathetha noTim White noVinny da Vinci bakwaHouse Africa Records baza basamkela isicelo sam, ukhumbula atsho uFresh.
Kwinkqubo yakhe ethi Easy Drivetime kwiy-fm eba phakathi kwentsimbi yesithathu malanga neyesithandathu matshona, 10 msasazi uthandwayo udlala umculo omnandi aphinde amkele neminxeba evela kubaphulaphuli abatuna ukuthetha naye. Ungakholelwa lula ukuba lo mfo onama-26 eminyaka wakhula ekuthanda ukuba ngumsasazi - kodwa uya kumangaliswa kukuva ukuba akazange wanqwenela ukuba ngumsasazi de wadibana nomsasazi waseBotswana uDavid Skio Molusi owamthatha wamfundisa ngokusasaza esafunda.
Kungekudala watshabalala umnqweno kaFresh wokuba Jipolisa okanye igqwetha. Waqala wafumana ithuba ngokuba acelwe ukuba abe ngumdlali wamacwecwe kwenye inight club yaseBotswana.




Emva kokuphumela imatriki ngouFresh
1990, ndenza izifundo zonyaka omnye zokuvelisa iinkqubo zerediyo, ndaza ndabhalisela izifundo zomthetho. Ndatshona kunyaka wokuqala kodwa ndaqhubeka nazo. Kwangaloo nyaka ndazibandakanya neRB2 Connection esisikhululo sosasazo saseBotswana, kwaye oko kwandinyanzela ukuba ndiziyeke izifundo zomthetho kuba
Si
kuphthele
80 BONA XHOSA - April 2000


ndandingakwazi ukuyiqhuba yombinif Oko akuthethi kuthi uFresh akazange
aphinde abe nomdla wokufunda. Ngo-1994 waya kuhlala eJohannesburg apho wafika wabhalisa eBoston College wenza izifundo zeminyaka emithathu zobuntatheli, nowaziphumelela emagqabini - nanethemba lokuba ziya kumnceda akuphe(elwa ekubeni ngumsasazi.
Ndandingazi ukuba ngeny imini ndiya kuze ndibe ngomnye wabasasazi beStudio Mix, nkqu naxa ndandiba ngumsasazi otundwendwe wale nkqubo, kodwa ndalifumana ithuba kuba ndiwasebenzisa kangangoko ndinako amatuba endiwafumanayo kwezolonwabo:
utshilo. Mininzi eminye imisebenzi yokudlala amacwecwe esisingxungxo endiyenzayo ngeempela-veki, kuba kufuneka usebenze nzima ukuze ume kakuhle ebomini.
Uthi iStudio Mix sinegalelo elikhulu ekuvaleni umsantsa okhoyo phakathi kwabantu abadala nabancinane kuba badlala umculo womntu wonke. Baninzi abantu abadala abanomdla kule nkqubo, nto leyo ibonisa ukuba isemgangathweni. Abanye abantu bathi masidlale nomculo werock.
Umculo uhambisana nemo umntu akuyo - ngokuqinisekileyo awunakudlala umculo wekwaito ngecawe kuba Ieyo yimini yokudlala umcu(o opholileyo. Ndiphulaphu(a zonke iindidi zomculo mna xa umnandi.
Nangona uFresh ewuthanda gqitha umsebenzi wakhe, uyakuthanda nokudlala imidlalo kamabonwakude nokubukela iifilim kwaye uya ejimini ngazo zonke iimpela-veki. Uthi uzibona eiisoka kodwa elinomntu e(inaye noyinzwakazi enomntwana wakhe oneminyaka emihlanu neh(ala eBotswana.
Uthi ukutshata kunyaka omnye okanye emibin( ezayo kuya kumenza azinze ebomin(: Kubalu(ek((e ukuba ngokuya ukhu(a ube naye umntu okhethekileyo oza kutya ubomi naye.
Usapho luba(ulek(le kuFresh onomntakwabo nodadewabo yaye kwisithuba seminyaka emithathu uzibona eza kuba ehlata nosapho (wakowabo eBotswana. Ndifuna ukuya kutyala izinto endiz(funde kweli (izwe elizweni lam. Kungoku nje sele ndithenge izabelo kwisikhululo sosasazo saseBotswana. !Ahlawumbi ndingagqibela sele ndingumphathi waso - kodwa andinakuba ngumphathi okhohlakeleyo ophatha gada(a(a abanye abasebenzif
UFresh ucebisa u(utsha ukuba lungaxhomekeki kwimpangelo ukuze luziphilise njengoko lunako ukuziqale(a amashishini amancinane.
Abantu mabaphelise inko(elo yokuba abantu abantsundu abanakuphumeleta. Sukumani niziqalele amaphulo aza kuphathwa nini, utshilo elokuqwela. 

